27/04/2024
AYINGOMZIMBA WAM LO" (THIS IS NOT MY BODY"😭.
BY: THANTI ✍️
EPISODE 5
Ndazinikela ndayitya lontliziyo eshuahu ivakala ukuba I fresh isandikhutshwa ngoku...ndayigwinya ndaphantse ukugabha " Uba ukhe wayigabha lontliziyo imnandi ushushu impompoza igazi Eli fresh uyakuba wohlulakele soze uphinde utyebe...mamelapha ke bhonyongo uzakuhlala apha kulendlu kunye nam iintsuku ezintathu ungatyi ungaseli manzi ngoko xa uziva ukuba unxaniwe uzakusela nali igazi ikubamba umphefumlo wakho" lathetha elilizwi ndaziva ndinovalo ndizisola ukuba yinton ebendiyiqale nganton Le ...ndiphinde ndiziduduze ngelithi ekunyamezeleni ukhona umvuzo...waphuma wahamba umakhulu endishiya kuloo ndlu imnyama endishiya ngelithi unyamezele mntanam.... Ndithe ndisajonge lonto ndeva ngocango luvaleka ndeva into ebandayo indinyuka ngomlenze yoo ndagxuma ndilila lathetha elilizwi "sukoyika bhonyongo ndim umhlobo wakho andinabo ubungozi nto nje ndifuna ukuqhelana nephunga lakho kwaye nomziba wakho." Ndangcangcazela ndibethwa luvalo kukoyika ndidayiva lento ukuba yinyoka enkulu kodwa andiyiboni kuba kumnyama...ndaquka isbindi ndanyamezela yandihamba indikhotha indibijela..kuthe kusenjalo ndabona kuuvutha umlilo kude kunam "yiza ndilandele" kuthetha elilizwi lingaqhekanga...
EPISODE 6 IS COMING SOON🤝
DON'T FORGET TO LIKE AND SHARE OUR PAGE 🤝♥️🫂