11/02/2025
NDIXOLELE MTAKWETHU
Indima yoku [1]
Kwa nosimele ngentsasa beva ngemoto ipipiza egeyithini
Nosimele: yhini yimoto etheni leto ekuseni kangaka thixo wam.( utsho ephakama ephuma eyokuvula) wothuka akufika ingunyana wakhe omdala lowo ebeqhuba lomoto
Nosimele: Mongezi nguwe lona ufika sowusi ngxolela ngemoto ekuseni kangaka.
Mongezi: ndim lona xhegwazana lam
Nisimele: tshini ninjani namhlanje nokoti
Liyakha: (ephendula ngomoya ophantsi nelizwi elincinane) siyaphila mama kuhle kunjani kuni
Nosimele: nathi siyaphila sisi
Mongezi: iphi na lentwana yalapha
Nosimele: pewu uthetha ngalowo oko wavala esikolweni ulala kude kubesemini.
Mongez: unjani ukuba nexhala leziphumo?
Nosimela: S**a akukho xhala pha oko wagqiba ukubhala watyeba wayi mbukumbuku
Etsho engena uLuyanda
Luyanda : mtakwethu nguwe kanti lo uhamba ngomtshini onje ndicinga umama une soka elinemoto utsho ebulisa ebamba izabdla nakusisi wakhe ongumfazi ka bhuti wakhe. Kuhlekwe lento ayithethayo yesoka lika Nosimele .
Nosimele: yhini apha ekugugeni Hai noko uyayibaxa mntana ndini
Luyanda: tshini mama ngakhe sazi into ezenziwa apha kulelali zihambisa umzimba
Mongezi: utsho kanje uthi lamaxhego nama xhegwazana alapha enza kakhulu
Nosimele: ningandifanisi nawo kemnake
Mongezi:Hai asoze sazi mntakabawo betsho behleka. Mtakwethu linjani ixhala? ziphuma nini kona results?
Luyanda: yhey bafo likho lona ixhala kodwa noko mani kubhalekile ingathi ndihleli ethembeni. Ziyaphuma next week mtakwethu.
Hayke oko kumandi kulomzi nomakoti kuhleliwe kamandi epheka nopheka umakoti kutyiwe. Uluyanda nobhutiwakhe bakhwela emotweni bathi bakhe bathi ukuzikhupha beshiya umama nomolokazanawakhe