25/11/2024
Ubomi Bam
Bekungentseni Kwidolophu yase MOUNT FRERE kwilali yase LUYENGWENI apho siboniswa u Sinenjongo elele xa kungena unina wakhe emgalela ngamanzi abandayo endlebeni
Sinenjongo: Haibo mama!!( utsho exhuma kulomodlalo wakhe ungacacanga esima ngenyawo)
Unina: uthi nyanya nton kdwa uyabona kusile ucinga abantwana bam bazo phekelwa nguban isidudu xa wea ulibele kukulala apha( utsho enyevula emshiya apho ephuma ngomngango)
NDIKHAWULEZE NDA JONGA IXESHA EDONGENI IBIYINTSIMBI YESINE MFUNDI EKUSENI MAQANDA
Yjo ndinjani na mna mandithathe eli thuba mfundi ndinibalisele ngobomi bam endibuphilayo... igama lam ndingu Sinenjongo ndine wele lam elingu Sinelizwi ifani ngu Ngozi ndizalwa ngu Tholakele kunye no Vusumzi Ngozi ekhaya sizalwa sibane kuphela (kdwa bona nizobazi xa ixesha lihamba) ndineminyaka eyi 20 ndampasa u Matric ndima 17...chophani ndinibalisele ngam bafundi