09/09/2025
P1
Makoti othile wende emyenini owakhe wanomfazi ngaphambili qha wemnka umfazi ngenxa yengulo yokuphambana.Lomakotike ekuyalweni kwakhe kwathiwa uba ufike kuthakathwa kalamzi naye angabuzi angenekhona.Wayemthembileke umazala wakhe ngeyonandlela emangalisayo.Wayengumntu othanda uphupha ke ukoti avuke abalisele umazala wakhe lamaphupha.Wasuka ke wanephupha elimzingayo oko lingamyeki.Uphupha kukho omama abathathu bakhwele ebhafini bagungxe iqhiya ezimnyama bayabhabha ngalebhafu emoyeni.Kodwa akade ababone ebusweni amane ebalisela umazala ke eliphupha ba abamama bayambiza kodwa angavumi ukuya kubo.Haike umazala angalihoyi manenje esithi ngamaphupha makoti amaphupha ayavelanje engathethinto.Busuku buthile phinde ukoti aphuphe abamama kodwa ababini bavele kweziqhiya omnye azifihle kanobom kwaba babini ababonileyo kubeyindodakazi yakhe endala nomeza walapha emzini wakhe.Hey othuke ukoti angalithethi ngoku eli iphupha kumazala kuba ebone intombi yakhe oyike umxelela.Bathi besahlelike emini kungene lomeza ebembonile ephupheni ancokole ke umeza ezocela iswekile.Athi umeza aphencokweni hai mntasekhaya ungabothemba mntu aphemhlabeni abanye bazigquma ngabanye bangaveli bona ekwenzeni ukungcola kodwa akhonto ifihlakala kude kuphele.Ey ukoti aqonde inoba uthetha ukuthini nalomama.Aphume kelomama abuze kumazala umazala athi ligqwirha eliya mntanam liyatola lityiwa zizinto zalo.Ey ukoti ayilibale lento mini ithile athi esuka uyochola ave ngencwina endlini xa engena ngumazala wakhe uyableeder elona laka lanzima axakwe uba makamthini utsho amahlwilwi kodwa kudala wadlulayo kwezonto ngoba sengumntu omdala.Wathi esayaphandle eyothatha ipheyile kuba efuna umcoca umazala wakhe wegqi ngalomama ebezocela iswekile phandle.Wathi lomama yintoni wabila mntanam wathi umama uyopha and elingakaya zange ndalibona.Wathi lomama ungake ulinge uqalise uliphatha elogazi baleka uyobiza intombiyakhe izomhlamba ngokwayo uba ungamhlamba kokwakho ngeze uphinde ulubone uthando emyenini wakho.